Ukuvuka Kwam Ekufeni

Ukuvuka Kwam Ekufeni
Автор книги: id книги: 1628680     Оценка: 0.0     Голосов: 0     Отзывы, комментарии: 0 1229,32 руб.     (14,34$) Читать книгу Купить и скачать книгу Электронная книга Жанр: Биографии и Мемуары Правообладатель и/или издательство: Ingram Дата добавления в каталог КнигаЛит: ISBN: 9780795703645 Скачать фрагмент в формате   fb2   fb2.zip Возрастное ограничение: 0+ Оглавление Отрывок из книги

Реклама. ООО «ЛитРес», ИНН: 7719571260.

Описание книги

NgoLwesithathu, umhla wokuqala kuOktobha 2003, ityendyana lomfana elalinxibe ibhatyana eluhlaza enkone ligazi lalilele kufutshane nebhulorho kaloliwe eGermiston, lisifa. Igazi lalo lalinkcenkceza ngokomjelo ukunqumla indlela, amathemba ephelile. Umzimba wawudlaka-dlaka ziimbumbulu – iimbumbulu ezintlanu umdubuli awazikhulula ekufutshane kakhulu kuye. Zazibumkarha iingqondo ngexesha lizama ukumisa izithuthi ezidlulayo, kodwa zange kubekho nasinye esaba nenceba. Zazidlula zonke zizizipheke-pheke, zimshiya loo mfana esopha enjalo. NdinguThembelani Ngenelwa. Yayindim lowo. Eli libali lokwenzekayo.

Оглавление

Thembelani Ngenelwa. Ukuvuka Kwam Ekufeni

Отрывок из книги

Iphepha lesihloko

THEMBELANI NGENELWA

.....

Kwizikolo zethu ngelo xesha kwakungekho zifundo zokucebisa abafundi malunga nekhondo lomsebenzi amabawufundele, ngoko ke andikwazanga ukufunda ngo-1995. Zazizibini ke phofu izizathu zoko: okokuqala abazali bam babengenazo iintsiba zokuhlawulela imfundo ephakamileyo yaseyunivesithi, kodwa esona sizathu yayikukungazi apha kum – kuba zange ndifake sicelo soncedo – mali yokufunda eyunivesithi. Ndasebenzisa u-1995 ukwenza uphando ngezifundo zaseyunivesthi ndatsho ndafaka nezicelo zoncedo ngezimali. Kuye ke kwanyanzeleka ukuba ndinyukele eKapa ndiye kuhlala notata ukuze ndifumane isingxungxwanyana ze ndiqokelele ubugcwabalalana bokuncedisana nabazali ukundisa esikolweni kunyaka olandelayo. Ndandimana ndibamba ezilarheni nakwiivenkile zeempahla. Kuthe ke ngo-1996, unyaka olandelayo, ndamkelwa kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni, i-University of the Western Cape kwisixeko saseBellville kwelase Ntshona Koloni. Ndamkelwa kwiBachelor of Science, isidanga sezenzululwazi. Aqala avuleka amasango!

Ukufika kukaloliwe eGermiston, ndakroba ngefestile, ndifuna ukubona abantu ababeze kundindikhawulela. Ukhumbule ke mfundi ukuba ukugqibela kwam ukuza kula macala ndandihlala emkhukhwini eFive. Ukumka kwabo apho ke abafana baye bafudukela eziflethini edolophini eGermiston, ngoko ke kwakufuneka kubekho umntu ondikhawulelayo andibonise le ndawo intsha. Ndisakrobile njalo, ndeva ilizwi endiliqhelileyo lindikhwaza. YayinguZolisa, omnye wabahlobo bam baseGermiston. Ndahle ndaphawula ukuba noko urheme lo wayesele exandile ngokwasesiqwini, kodwa ngaphandle koko wayesengulaa Zolisa ndimaziyo onempandla – wena wakha walibona ibala legalufa. Wayesele eqabele kumashumi amathathu kodwa ubungafunga ukuba uselapha kumashumi amabini ngangendlela le wayedlamke ngayo. Wayephahlwe ngabafana ababini endandingabazi, kodwa mva ndaye ndafumanisa ukuba ngabahlobo bakaKhaya awayendixelele ngabo. Owokuqala wayeyingqungqumbana emfutshane, endlebe zitsolo namehlo amakhulu. Le ndoda noxa nje yayingenasiqu, yayikhangeleka yomelele kakhulu. Igama layo kwathi kanti nguBongani; ekule ntanga yam. Wayebukhanya ngebala. Omnye umfana lo ebemkhulwana kunoBongani lo, kodwa ecaca ukuba noko useyidyongwana. Ndiyabona ukuba ebekule ntanga isandul’ukubuy’esuthwini. Igama leli krwala ke yayinguDumisa.

.....

Добавление нового отзыва

Комментарий Поле, отмеченное звёздочкой  — обязательно к заполнению

Отзывы и комментарии читателей

Нет рецензий. Будьте первым, кто напишет рецензию на книгу Ukuvuka Kwam Ekufeni
Подняться наверх