Читать книгу Ukuvuka Kwam Ekufeni - Thembelani Ngenelwa - Страница 6

Оглавление

3. Imin’enzima

Imin’enzima

Kukho iimini ezimangalisayo, xa uye uvuke uziva uvuselelekile, ugcobile kodwa isizathu ungasazi. Ngale mini ke, umhla wokuqala kweyeDwarha, u-Oktobha 2003, ndavuka ndiziva ngolo hlobo.

Kwathi malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo ndavuka ebhedini ndaxhuma, ndazilungiselela imini emnandi. Abahlobo bam babesele behambile ukuya ngasetorhweni, ngaphandle nje kukaBongani kwakunye noKhanyisa, isithi sobathathu eflethini. Kwabe kuthe nzwii kungekho kwangxolo kuba aba bafana babesalele – amathongorha amakhulu.

Ndathi ukuthi cakatha phandle ndaliva ilanga laseRhawutini. Kwakusekusasa ngoko ke kwakusabetha impepho endaye ndayibizela ngaphakathi, ndizixelela kananjalo ukuba le yimini yam, ikhona into endiphathele yona. Ndawaphakamisela phezulu esibhakabhakeni amehlo am ndibuka indalo. Isibhakabhaka sasicwengile kucaca ukuba imozulu iza kuba ntle, gqwidi nje ngelifana elincinane elimnyama elasuka laphoxisa oku kwephela emasini. Eli lifu laliqalisa ukuba likhulwana, ngaloo ndlela lidunga imini eyayithembisa ukuba ntle. Ngokwenkolo yakwaNtu ke ilifu elimnyama lingumfuziselo wokufa, kodwa ke kwalapha kwaNtu kuyaziwa ukuba ilifu liluphawu lokuza kwemvula, yona ke imvula le ibe ngumfuziselo wobom obutsha. Andizange ndazi ukuba mandiyitolike njani into ethethwa leli lifu. Ngenxa yoku kubethana kwezimvo zam, ndagqiba ekubeni ndahlukane nokuhlola izulu likaThixo, ndingene endlwini.

Kaloku mfundi ngezolo ndandikhe ndatsalela abazali umnxeba ukubazisa ukuba ndisatsibe eGoli okweentsukwana. Izizathu zam zokuba seJozi babezazi yaye bengenaxhala kuba babeyazi ukuba ndinabahlobo eJozi. Ngumama kanye owaphakamisa umnxeba kwelinye icala. Kaloku le ndlezana iye ivuye kakhulu xa isiva ilizwi lam emnxebeni, kodwa ngale imini zange avakale onwabile konke konke, nangona waye wazama ukuzifihla apha kum. Enyanisweni wayevakala enxunguphele kanobom.

“Sisi, uvakala unxunguphele, uhlutshwa yintoni Bhlangwe?” ndabuza ndatsho. Ndiyayazi mfundi uthe nqa kutheni ndisithi “sisi” kumama nje. Loo mbuzo ndakubuya ndiwuphendule kwalapha endleleni.

“Hayi mntwan’am akukho nto kwaphela, nto nje kufuneka uqaphele kuloo ndawo ukuyo.” Iphendule yatsho le nzwakazi, seyithande ukundixhalabisa ke ngoku.

Kuthe kodwa nakubeni ivakala ingonwabanga yandinqwenelela amathamsanqa yabuya yabulela ngemalana endandibafakele yona. Okona kwakubaluleke nangakumbi kum kukuba ndandisazi ukuba ndizifumene iintsikelelo zikamama, kwaye wayeza kundibeka emithandazweni. Ndandinqwenela kakhulu ukuthetha notata kwakunye nabaninawa bam kuba ndandibakhumbula, kodwa ke umama yayinguye kuphela okhoyo endlwini ngoko ndavalelisa nje kuye, ndawubeka phantsi umnxeba. Ndayishiya loo fowuni ndixakiwe, ndingazi nokuba ndincume okanye ndixhalabe kusini na, kodwa ndabuya ndazixolisa ngelithi into eyayimenza avakale ngathi unxunguphele kukuba mhlawumbi wayevuka ebuthongweni.

Emva kokuthetha nomama emnxebeni ndaphathelela ukuya kumaziko engqesho ndisiya kujonga ukuba kwakungekabikho zithuba kusini na. Kaloku sithetha nje nomama besele ndidibene nomphathi wenye yeenkampani zekhompyutha kwindawo apha ekuthiwa yiKempton Park, apho kanye isikhululo seenqwelomoya, iJohannesburg International, sikhoyo. Ndazixelela ukuba ndiza kuzithengisa kakhulu kule nkampani, ndibabonise ukuba ndiqule ndaligangatha ngolwazi, kodwa ke oko bekungathethi kuthi andisayi kuzikhangela ezinye izithuba. Kaloku kuthiwa kwaNtu “Kubamb’ezingelayo”. Ndawagqogqa-gqogqa ke la maziko, ndingena ndiphuma, ndishiya icv yam mzini ngamnye. Kuthe ukuphuma kwam kowokugqibela ndawajika amabombo ndasingisa eWits University kwiziko lakhona elicebisa ngezemisebenzi. Ndandifuna kaloku iingcebiso ezithe vetshe zokufumana umsebenzi. Kulapho kanye apho ndathi ndabonana uMthetho, umhlobo wam omdala endandisakufunda naye eNtshona Koloni e-uwc. Eli tyendyana lalisele lisebenza eWits njengeclinical psychologist, likwahlohla kwaphaya eWits. Saxhawulana nje wabe sele esithi masiye e-ofisini yakhe apho safika sazivumbulula phantsi iindaba zakudala zaseKapa, sikhumbuzana ngazo zonke iziganeko ezihlekisayo zeliya lixa sasisese-uwc kunye. Yayingeyontsini nje kuphela, sasisakwabelana nangamaphupha ethu okuphuhlisa amakhaya kwakunye noluntu lweendawo esiphuma kuzo zaseMpuma Koloni. Sasivumelana ngemfuneko yokuphuhlisa abahlelekileyo, hayi nje ukuziphuhlisa.

Ndandimvuyela kakhulu ke lo mfana ngempumelelo yakhe, nam ndaziva ndinethemba. Sagqiba ke ukuncokola noMthetho savalelisana ndayitsala yavela ukubuyela eGermiston. Ndafika apho kukho uBongani kuphela, kungekho mntu wumbi, isithukuthezi sibhalwe apha kuye ebunzi. Ndathi ndifika nje wathi masikhe solule imilenze siye kubona intombazana ancuma nayo kwindawana apha ebizwa ngokuba yiDelville, cebu kuhle neGermiston le. Andilibazisanga ke, sakhwel’endleleni ngeenyawo. Sithe ke xa sibuya ndafowunelwa ngumhlobo wam ohlala eFive. Wayebuza ukuba ndiza kubabona nini na eFive, nam ke ngenxa yokukhumbula iFive ndamxelela ukuba siza kufika nje ukubuya kwamajitha emsebenzini kwangaloo mini. Ndandinomdla kakhulu wokubona iFive kwakhona kuba kaloku ndandikhumbula ixesha lam lokuqala ukuza eRhawutini, ngo-2000, apho sasihlala emkhukhwini omagumbi mabini noKhaya, uSiviwe kwakunye noZolisa. IFive le yayiyindawo yokuqala endayaziyo apha eRhawutini kwaye ndandinentaphane yabahlobo phaya. Ngezo ntsuku ke le ndawo yayingumthombo wolonwabo kwaye nabantu bakhona babenobuntu noxa bengathathi ntweni. Yayingabantu beendawo ngeendawo bethetha iilwimi ngeelwimi kodwa babeluqilima ukumanyana oku, bekhathalelene. Babesakubizana “makhi”, mntu ngamnye emazi omnye.

Ndikhumbula mhla uthile xa ndandiphaya, apho abahlali baye babonisa ubuntu bokwenene. Baye baqokelela imali yokuxhasa nkwenkwana ithile eyayiphumelele ibanga leshumi emagqabini – nge-exemption ngokwamakhumsha. Kaloku abazali bale dyongwana babehluphekile bengenayo imali yokumthumela eyunivesithi, kodwa uluntu lwakwazi ukuqokelela imali eyaneleyo yatsho le ntwana yakwazi ukuqhubela phambili ngemfundo yayo. Uvuyo olwalukuloo mntwana lolungathethekiyo!

Enyanisweni ke apha eFive bezizininzi izimokolo neembarha kodwa noxa kunjalo andizange ndabubona ubundlobongela kwaba bantu, kulo lonke ixesha ndihlala phaya andizange ndive ziganeko zihlasimlisayo. Umoya wawusoloko umhle, umhle kangangokuba wawusithi xa ubutsibe edolophini ugxagxamise ukubuya wakugqiba ukuthenga uleqe elokishini ukuya kuzonwabela. Xa kukho itheko okanye umcimbi mzini uthile, ubungalindi kumenywa, ubusuka ungene nje kodwa abantu bakwamkele ngezishushu bathi, “yonwaba”. Yayingabantu abantu bale ndawo, kungekho mntu ujongele omnye phantsi.

Ndiyaqonda ke sewuzibonela ke nawe mfundi indlela endandiyixabise ngayo le ndawo yaseFive. Ngoko ke ndandiza kuthi ukuze ndizive kakuhle ukuba ndifikile eRhawutini, ndizibone ndixhawula izandla “zoomheza” nabahlobo bam bakudala baseFive. Enye into ndandiza kufumana ithuba lokubona amanye amaNgcobo ahlala elokishini. Kaloku abahlobo bam aba bona baseGermiston babeziinzalelwane zezinye iidolophana zeMpuma Koloni, hayi eNgcobo. Ndandiza kuqala ke ukudibana nabakhaya bam abalapha kweleendunduma, ngoko ke ndandigcobile.

Mna noBongani sagqiba kwelokuba sipheke kwangexesha ukwenzela ukuba bathi bebuya abanye bafike isidlo sesilungile. Ngale ndlela ke sasingazukuphozisa maseko, babeza kufika nje badle, siyitshay’isaqhuma ukuya elokishini. Kaloku ngezolo sasifumene isimemo sokuya kwithekwana elaliza kuba sedolophini ngale mini ngoko ke sathi masiqale elokishini sihlale nje ithutyana sibuye ngokukhawuleza siye ethekweni emva koko. Sasinethuba elaneleyo lokuphinda siye ekasi ngempelaveki, ngaphaya koko sihlale uMgqibelo wonke, ngoko ke sasingenaxhala lale nto yokuba sasiza kuthi qu nje, sibuye. Ndathi ke kuba kaloku wena mfundi ndikwasisidodo apha ngasekuphekeni, ndaqonda ukuba mandenze esona sidlo sakhe salula: inyama ecoliweyo kunye neetapile. Ndandiyazi kaloku ukuba esi isidlo sasingenakuthatha xesha lingakanani kwaye sasingazukundiveza ubuqhitala bam. Esi ke sisidlo samavila namasoka!

Kuthe ke xa kuza kubetha eyesihlanu intsimbi, gangqa uKhaya noZolisa bebuya emsebenzini. Waxhelelw’exhukwane uKhaya unkabi lo ngokuya eFive waphela egxagxamisa akagqiba noko kutya. Ndiyathemba ke mfundi kwakungenxa yokungxama, hayi ukungabi nancasa kwesidlo. UZolisa yena wazilandula kwasekuqaleni, esithi udiniwe akanakukwazi ukuya elokishini, watsho esithi ufuna ukukhe alale. Ayiqhelekanga ke le kuba urheme lo watya inqina lehagu, ngokomthetho udla ngokuba abe ngowokuqala xa kusithiwa kuyahanjwa, angakhathali nokuba akabazi abo bantu batyelelwayo. Maxa wambi wayede asihlawulele eteksini kuba nje efuna ukuhamba. Kodwa kuthe ngale imini, xa kanye sisiya kwindawo ayazi nayithanda ngaphezu kwethu sonke, wala akafuna kuhamba noxa le ndawo ikufutshane. Wala kwaphela umfana kaGoqolo.

Igagu elikhulu uKhanyisa, umninawa kaKhaya, wayemaxhaphetshu efuna ukuhamba nathi. Emihleni sasisidla ngokuhamba naye xa singayi kude, kodwa ngale imini ndem’entla ndala andamvumela ahambe. Ndathi makashiyeke eli tyeli sasisaya eFive, ukuze sihambe naye ngokubuya xa sisiya ethekweni edolophini.

Kunanamhlanje andisazi isizathu sokumalela ukuba makahambe nathi, kuba kaloku kwa-umkhuluwa lo wakhe wayengenangxaki ngokuhamba naye. Ndiyabona nje ndandisafikelwe bubudala ndingafuni ukuphazanyiswa yilaaitie endleleni.

Lo mzuzwana uKhaya noBongani babegxagxamisa belungiselela ukuhamba ndabaleka ndaya kumgangatho ongasentla ukuya kutsala umnxeba ndichaze ukuba sisendleleni ezayo. Ndathi nje ukubuya kwam, saqhwith’izithende, indim, uKhaya noBongani. Apha endleleni kwakumnandi, uncumo lume ngeendlebe. Kuthe ke kuba noko kwakuqala ukuba nenkwankca, ndaboleka isilamba sikaBongani esiluhlaza. Mna kaloku ndandimke eKapa kushushu ngoko ke ndandingaziphethanga iimpahla ezisithileyo kuba ndandiyiqhele iJozi ishushu ngeli xesha lonyaka. Ndandizinxibele nje itreksuti yam emnyama endandiyisebenzisa xa ndisenza imithambo. Ndandingafuni ukubonwa nanguthathatha ukuba ndibuya edolophini, ndandifuna ukuba ngumntu njee ongacacanga, ongohlukanga ebantwini baloo ngingqi. Sacebisana ke ukuba sishiye noonomyayi. Kaloku wena sasiyilumkele nemigulukudu le. Saqonda ke ukuba masishiye zonke ezazinokutsala imigulukudu. Sagxanya sagugutha njalo ke sidlula ngakumzi-mveliso wenyama wakwa-Enterprise, sehlela ngezantsi sidlula udederhu lwemizi-mveliso yaseGermiston sayikhomba ngasesiporweni sikaloliwe. Kwakuthe nkcwe ke apha endleleni, kuvakala nje izingqi zezihlangu zethu. Kuthe kuba sekuqala noko ukubanda, senyusa isantya saba buxhina. Njengokuba sihamba sasiman’ukuqhulana, sikhumbuzana imihla yamandulo nezinto esasisakuzenza eFive.

Kuqalile kwathi thu kancinci imikhukhu embalwa okuye sisondela kufuphi, sajika sawushiya umgaqo sangena kwindledlana yeenyawo eqhagamshela idolophu nelokishi. Indlela le yayirhangqwe yingca ende eyomileyo, kubonakala ukuba imvula inqabile. Sayikhab’imisingizana saya phambili. Sahamba sadlula ibhulorho ekwisandla sokunene, sijonge phambi kwethu isiporo sikaloliwe esasiza kusiwela ukuya elokishini. Kwathi njengoko lalisele libantu bahle saqonda ukuba masithathe le inqumlayo indledlana ukuze sifike ngokukhawuleza, asayilandela le iqabela ngaphezulu kwebhulorho.

Kwathi xa sikude kufuphi nebhulorho, kwe gqi abafana abahlanu bexhabashile besiya kweli cala sisuka ngakulo. Mna ke ndandihamba emva koBongani noKhaya phantsi kwento yokuba bona nokwana le ndlela babeyiqhele ngaphezu kwam. Zange ndizihluphe ngokubajonga ebusweni aba bafana. Kwakungekho mfuneko yako oko. Sasizihambela eyethu indlela, sizicingela ezethu, nawo la matyendyana ehamba eyawo indlela, ezicingela ezawo. Ndahlala ndizixelela loo nto, kanti ke enyanisweni ndandiqala ukuzirhanela ezi dyongo.

Zisiza nje, bekungathi kukho nto ithile zixambulisana ngayo. Ndayibona le nto ngokumana lo uphambili enyeka ngasemva kaninzi ngathi uqondisisa into kumahlakani akhe. Wayenxibe iT-shirt emaroon, kwakunye nezi bhulukhwe zamaphantsula zeDickeys. Isimanga ke kukuba nguye yedwa lo amehlo am abetheleleka kuye, abanye zange ndibananze. Wayekhangeleka ngathi nguye inkokheli yeli qela. Iintanga zakhe ezi andisakhumbuli kwanto ngazo. Lo yena umfana kwasuka kwabakho le nto imenza ukuba ahluke kwabanye, ngesizathu apha endingenakusazi.

“Hola bafethu”, babulisa njalo lo gama badlulayo. Sabulisa nathi ngaloo mazwi angqokolayo, saqhuba ngendlela yethu. Mandivume ke, mhlobo wam, kuthe emveni nje kokuba edlulile la madoda ndaziva ndibethelwa luvalo, ndaziva ndinentaka. Luqale uvalo lwangongoza ngendlela apha engaqhelekanga, ndanga ndiyabethelwa.

Andimntu ufane nje abe nedyudyu ke ngokomthetho wam, kodwa ngale mini ndasuka ndavelelwa luloyiko. Kwahlala kukho le nto ithi makhe ndinyeke ngasemva ndihlole ukuba ngaba eli qela alirhuqi mrhaji kusini na, ukuziqinisekisa nje wena, kodwa ndathi xa ndinyeka ngasemva ndabona ukuba hayi noko la magatyana ayazihambela nje, aqhubeleka phambili akananzanga nto. Ayebhekise ngasedolophini.

Ndathi ndisakwaneliseka ndaqala ndabuyela encokweni le besingayo nabahlobo bam. UKhaya noBongani babengabethelwa nangudoh lo, ngoko ke nam ndazama ukuziqinisa, ndingabonwa njengomxhakanyana waseKapa onedyudyu. Ngaphaya koko ndandingeloqala-Goli ncam kuba kaloku ndandikhe ndeza apha eFive yaye ke kwaseKapa ndiqhelile ukuya kwezi ndawo zaziwa ngobundlobongela ezilokishini. Ilokishi le ke ndiyiqhelile, andiyiqoboli.

Saqakatha njalo, sawela isiporo sikaloliwe saya kungena elokishini. Kuqale ke kwee qabu ixhala xa siphakathi kwezindlu elokishini, nathi saqala, sahambela phezulu kuba kaloku besesibona iindawo esizaziyo.

Ndiye ndavakalelwa nje ukuba ndiyibone imikhukhu yokuqala, ndabubona ubunono babantu abazakhele amakhaya abo ngobuchule obukhulu, besebenzisa amacangci amazinki namaplanga. Ezi zindlu zazakhiwe ngokwahlukileyo enye kwenye, zimibala-bala. Ndabuthanda kakhulu ke obu bumbejembeje ndibubona kwezi zindlu. Kodwa ke kwakucace gca ukuba zazininzi iinguqu ezenzekileyo ukususela ngexesha endandilapho ngo-2000. Ndaye ndaqaphela ukuba kukho umhlaba omkhulu osele ulifusi, kanye emva kwelokishi, izindlu ezazifudula zilapho zazingasekho. Ndiye ndafumanisa kamva ukuba amatyotyombe amaninzi ayelapho aye adilizwa, ze abantu ababekuwo bafuduselwa kwizindlu ezintsha ze rdp, ezi ke bathi ukuzibiza eKapa ngoovez’iinyawo. Imikhukhu eyayikade imelene nalo sasihlala kuwo yayingasekho. Kwakukho nje ibala elikhulu kodwa ke noko ndathi ndakujonga ndaphawula umkhukhu apha oluhlaza owawujongene nempompo yamanzi eyenye yezimbini ekuphela kwazo kuyo yonke le lokishi. Le indlu ndayibona ndayinakana kuba kaloku yayikhona kwangaphambili. Abantu babesakuwakha kwakule mpompo amanzi. Noko ezinye izinto zazingatshintshanga.

Sidlule ngakwispaza sendoda apha esasisakuyibiza njengomkhaya nanjengoko nayo yayibuya kwelaseNgcobo ngokwenkaba. Umthengisi kwesi spaza wasixelela ukuba seyaba nguye umnini-venkile, yena umkhaya waye wafudukela kwenye ingingqi, walithengisela yena ishishini lakhe.

Ekugqibeleni siwubonile umkhukhu oluhlaza ngokwesibhakabhaka, kanye lo besisiya kuwo. “Nkqo, nkqo, nkqo,” sangqumshela satsho sizama ukujika amazwi. Zavakala ngaphakathi izingqi zomntu oze kusivulela. Wavulwa umnyango, sangena, safika ngaphakathi kukho uNomaphelo kwakunye nomzala wakhe osuka eMonti endibona ukuba wayeze kuchithe iiholide. Sithe nje ukuba singene uNomaphelo watsala umnxeba kwathi kungemzuzu kwee gangqa iqhaji apha elinguMheza litweze uncumo lwema ngeendlebe, livuyiswa kukusibona. Ndahleka ndaqikileka kaloku xa uMheza esikhahlela ngohlobo apha lwasemkhosini, kaloku urheme lo wayethanda ukuzenza ijoni apha elingacacanga. Ekuqaleni umfo lo ebengandiboni ncam ukuba ndingubani kuba bekuluzizi apha endlwini kukhanyiswe ngofinyafuthi. “Awu nanku uMathintitha,” ndakhwaza ndatsho ndimbiza ngesiqhulo apha endandimphe sona ngo-2000 ngenxa yokuba wayelithintitha. Ndathi ukuba nditsho wothuka wathi nkamalala kuba kaloku bambalwa abantu ababembiza ngolo hlobo.

“Kwedini, bakugxothile eKapa mfo wam?” Yaqhula yatsho le ndedeba.

Saxhawulana ngobubele nomhlobo lo wam saqala sancokola ezethu. Eli thintitha eli lalizilibala ukuba liyathintitha, lalisoloko lifuna kumanyelwe kulo. Wandivuyela kakhulu ke uMheza kuba kaloku wayengandilindelanga ukuba ndikhona kweli leendunduma. Abanye aba wayengabanakanga konke kuba kaloku wayebabona zonke iimpelaveki ezi. Wavusa ezakudala ke umf’omkhulu endikhumbuza ngazo zonke izimbo zam zamhla mnene. Sahleka kwabuhlungu izisu. Uqale wafiphala ke xa esixelela ngeenguqu ezikhoyo eFive, esixelela esithi, “iFive ayiseyiyo leya niyaziyo, sekusesihogweni apha.” Kwekhu, zandothusa ke noko ezi iindaba. Ndabuza ngabakhaya bam ababesakuhlala eFive Waphendula uMheza ngelithi sebafudukela kwindawana apha ekuthiwa yiRondebult, cebu kufutshane neGermiston le.

Emva kokuncokola noMheza sagqiba namajitha ukuba sihambe ukuze sifike kwangethuba eGermiston. Kaloku sasiya kweliya theko sasimenywe kulo. Ukuhamba kwethu kwakuya kutsho kunike noMheza ithuba elaneleyo lokuba aye kwinkonzo yesikhumbuzo sokufa kwentokazi ethile yakwaphaya elokishini ekuthiwa xa kuthethwayo yafa ngokugetyengwa sisinqandamathe sayo ngenxa yezobukhwele. Iqhaji elinguNomaphelo lathi nje ukuba live kuthethwa ngetheko lafuna ukuhamba nathi, phofu ke lifuna nokukhe libone neflethi le sihlala kuyo. Kaloku usisi lo ebesekhefini engazukuphangela ngemini elandelayo, ngoko ke yayingeyongxaki ukuya elonwabeni. Savalelisa kuMheza ngalo mzuzwana sisalinde uNomaphelo anxibe ibhatyana yakhe. Emva koko ke saqhwith’izithende, sayijongisa ngasedolophini imibombo. Sagoduka.

Ukuvuka Kwam Ekufeni

Подняться наверх